Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 20:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.

9. UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikoné ngantoni na, ukuba undizisele mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenzé kum izenzo ezingezakwenziwa.

10. Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ubone ntoni na, ukuba uyenze le nto?

11. Wathi uAbraham, Ndithe, akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo; baya kundibulala ngenxa yomkam.

12. Okwenene ngudade wethu; yintombi kabawo, kodwa akantombi kama, waba ngumkam ke.

13. Kwathi, uThixo akundiphambukisa, andikhuphe endlwini kabawo, ndathi kuye, Nantsi inceba owondenzela yona: ezindaweni zonke esofika kuzo, uze uthi ngam, Ngumnakwethu.

14. UAbhimeleki wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana, wanika uAbraham; wambuyisela uSara umkakhe kuye.

15. Wathi uAbhimeleki, Nali ilizwe lam, liphambi kwakho; hlala apho kulungileyo emehlweni akho.

16. Wathi kuSara, Yabona, umnakwenu ndimnike iwaka lesilivere; yabona, sisigqubuthelo samehlo kuwe, ngokusingisele kubo bonke abanawe; naphakathi kwabo bonke úgwetyelwe.

17. Wathandaza uAbraham kuThixo; uThixo wamphilisa uAbhimeleki, nomkakhe, nabakhonzazana bakhe, bazala.

18. Ngokuba uYehova ubezivingcile kanye zonke izizalo endlwini ka-Abhimeleki, ngenxa kaSara, umka-Abraham.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 20