Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 20:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kwathi, uThixo akundiphambukisa, andikhuphe endlwini kabawo, ndathi kuye, Nantsi inceba owondenzela yona: ezindaweni zonke esofika kuzo, uze uthi ngam, Ngumnakwethu.

14. UAbhimeleki wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana, wanika uAbraham; wambuyisela uSara umkakhe kuye.

15. Wathi uAbhimeleki, Nali ilizwe lam, liphambi kwakho; hlala apho kulungileyo emehlweni akho.

16. Wathi kuSara, Yabona, umnakwenu ndimnike iwaka lesilivere; yabona, sisigqubuthelo samehlo kuwe, ngokusingisele kubo bonke abanawe; naphakathi kwabo bonke úgwetyelwe.

17. Wathandaza uAbraham kuThixo; uThixo wamphilisa uAbhimeleki, nomkakhe, nabakhonzazana bakhe, bazala.

18. Ngokuba uYehova ubezivingcile kanye zonke izizalo endlwini ka-Abhimeleki, ngenxa kaSara, umka-Abraham.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 20