Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 2:5-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba.

6. Kwaye kunyuka inkungu iphuma ehlabathini, yawunyakamisa wonke umhlaba.

7. UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.

8. UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile.

9. UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.

10. Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa eziné.

11. Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide.

12. Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki* nelitye lebherilo.*

13. Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi.

14. Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesiné umlambo ngumEfrati.

15. UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine.

16. UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungáyidla uyidle;

17. ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, ùya kufa.

18. Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi onguwabo.

19. UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam* ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo.

20. Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho ziné, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 2