Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 2:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesiné umlambo ngumEfrati.

15. UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine.

16. UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungáyidla uyidle;

17. ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, ùya kufa.

18. Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi onguwabo.

19. UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam* ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo.

20. Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho ziné, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo.

21. UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo.

22. UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam.

23. Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni.

24. Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.

25. Baye bobabini behamba zé, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 2