Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 19:3-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe; wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla.

4. Ke kaloku, zingekalali, amadoda aloo mzi, amadoda aseSodom, ayirhawula indlu, ethabathela kumfana esa kwixhego, bonke abantu bevela nasekupheleni kwawo.

5. Bambiza uLote, bathi kuye, Aphi na amadoda angene kuwe ngobu busuku? Wakhuphele kuthi, siwazi.

6. Waphuma uLote waya kubo emnyango,

7. waluvala ucango emva kwakhe, wathi, Musani ukwenza into embi, bazalwana.

8. Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam.

9. Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango.

10. Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango.

11. Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.

12. Athi amadoda lawo kuLote, Ùsenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo;

13. ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba síkhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise.

14. Waphuma uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Ùsuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.

15. Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa baló mzi.

16. Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi.

17. Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.

18. Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 19