Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 19:25-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba.

26. Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.

27. UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova.

28. Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho.

29. Kwathi, xenikweni uThixo wayonakalisayo imizi yaloo mmandla, uThixo wamkhumbula uAbraham, wamkhupha uLote phakathi kobhukuqo olo, ekuyibhukuqeni imizi leyo abehleli kuyo uLote.

30. Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare; wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini.

31. Yathi eyamazibulo kwencinane, Ubawo waluphele; akukho ndoda ezweni apha yokusingena ngokwendlela yehlabathi lonke;

funda isahluko epheleleyo Igenesis 19