Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 19:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Athi amadoda lawo kuLote, Ùsenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo;

13. ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba síkhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise.

14. Waphuma uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Ùsuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.

15. Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa baló mzi.

16. Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi.

17. Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.

18. Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam.

19. Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Ùyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife.

20. Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam.

21. Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo.

22. Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.*

funda isahluko epheleleyo Igenesis 19