Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 18:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.

9. Athi kuye, Úphi na uSara umkakho?

10. Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo.

11. Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi.

12. USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?

13. Wathi uYehova kuAbraham, Yini na ukuba uSara ahleke, esithi, Kuhleliwe nje ndiya kuzala na ndaluphele nje mna?

14. Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana.

15. Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, ùhlekile.

16. Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela.

17. Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?

funda isahluko epheleleyo Igenesis 18