Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 18:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?

18. Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.

19. Kuba ndazé yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.

20. Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,

21. ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.

22. Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.

23. Wasondela uAbraham, wathi, Ungáde ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?

24. Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungáde uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?

25. Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?

funda isahluko epheleleyo Igenesis 18