Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 18:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana.

15. Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, ùhlekile.

16. Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela.

17. Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?

18. Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.

19. Kuba ndazé yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.

20. Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,

funda isahluko epheleleyo Igenesis 18