Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 17:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. ndiya kukuqhamisa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;

7. ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;

8. ndílinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.

9. Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.

10. Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yalùswe; nalùswe inyama yokwalùswa;

11. oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.

12. Unyana omihla isibhozo makalùswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena.

13. Makalùswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.

14. Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwalùswa ingalùswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; úwaphúle umnqophiso wam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 17