Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 17:23-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalùsa inyama yokwalùswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.

24. UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa.

25. UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa.

26. Kwangaloo mini walùswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.

27. Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, alùswa kunye naye.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 17