Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 17:19-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho úya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake;* ndíwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.

20. Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; ùyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimènze uhlanga olukhulu.

21. Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye.

22. Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham.

23. UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalùsa inyama yokwalùswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.

24. UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa.

25. UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa.

26. Kwangaloo mini walùswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 17