Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 17:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.

2. Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.

3. Wawa uAbram ngobuso bakhe.

4. UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; ùya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga.

5. Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram;* igama lakho liya kuba nguAbraham,* ngokuba ndikwenzé uyise wengxokolo yeentlanga;

6. ndiya kukuqhamisa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;

7. ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;

8. ndílinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 17