14. Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.
15. Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu.
16. Kwesesiné isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.
17. Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.