Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 15:11-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.

12. Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabona efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu.

13. Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mané.

14. Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.

15. Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu.

16. Kwesesiné isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.

17. Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.

18. Ngaloo mini ke uYehova wenza umnqophiso noAbram, wathi, Imbewu yakho ndiyiniké eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati:

19. amaKeni, namaKinazi, namaKadimon,

20. namaHeti, namaPerizi, namaRafa,

21. nama-Amori, namaKanan, namaGirigashi, namaYebhusi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 15