Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 15:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wamthabathela ke zonke ezo zinto, wazicanda kubini, wazibeka izahlulo, esinye sakhangelana nesinye; ke zona iintaka akazicanda.

11. Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.

12. Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabona efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu.

13. Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mané.

14. Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 15