Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 13:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Àliphambi kwakho na ilizwe lonke? Khawahluke kum; ukuba uya ekhohlo, ndoya ekunene, ukuba uya ekunene, ndoya ekhohlo.

10. ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare.

11. ULote wawunyula wonke ummandla waseYordan; wanduluka uLote waya ngasempumalanga; bahlukana ke.

12. UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe.

13. Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.

14. Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;

15. ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;

16. ndiyènze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angáthi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.

17. Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.

18. Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini* kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 13