Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 12:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendiwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona;

2. ndikwènze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo;

3. ndibasikèlele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.

4. Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanu ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.

5. UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.

6. UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini* kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.

7. UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.

8. Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 12