Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 11:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku lonke ihlabathi libe lintetho-nye, limazwi manye.

2. Kwathi, ekundulukeni kwabo besinga empumalanga, bafumana ithafa ezweni laseShinare; bahlala khona. Bathi abanye kwabanye, Yizani, senze izitena, sizitshise kunene.

3. Baba nezitena endaweni yamatye, nebhitumene* endaweni yodaka.

4. Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke.

5. UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu.

6. Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza.

7. Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho.

8. UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi.

9. Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli;* ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.

10. Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe.

11. UShem wahlala emveni kokuzala kwakhe uArpakishadi iminyaka emakhulu mahlanu, wazala oonyana neentombi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 11