9. Yena waba ligorha lezingela phambi koYehova; ngenxa yoko kwathiwa, NjengoNimrodi, igorha lezingela phambi koYehova.
10. Ukuqala kobukumkani bakhe yiBhabheli, ne-Ereki, ne-Akadi, neKalene, ezweni leShinare.
11. Kulo elo zwe waphuma waya kwelaseAsiriya, wákha iNineve neRehobhotire nomzi weKala,
12. neRezen, phakathi kweNineve neKala; nguloo mzi mkhulu ke lowo.
13. UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
14. namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.
15. UKanan wazala uTsidon, owamazibulo wakhe,
16. noHeti, namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,
17. namaHivi, nama-Areki, namaSin, nama-Arvadi,
18. namaTsemari, namaHamati; emveni koko zaphangalala izizwe zamaKanan.
19. Umda wamaKanan wathabathela eTsidon, wasinga eGerare, wasa eGaza; wasinga eSodom, neGomora, neAdama, neTsebhoyim, wasa eLasha.
20. Ngabo abo oonyana bakaHam, ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ezintlangeni zabo.