Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 10:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. UKushi wazala uNimrodi; yena waqala waba ligorha ehlabathini.

9. Yena waba ligorha lezingela phambi koYehova; ngenxa yoko kwathiwa, NjengoNimrodi, igorha lezingela phambi koYehova.

10. Ukuqala kobukumkani bakhe yiBhabheli, ne-Ereki, ne-Akadi, neKalene, ezweni leShinare.

11. Kulo elo zwe waphuma waya kwelaseAsiriya, wákha iNineve neRehobhotire nomzi weKala,

12. neRezen, phakathi kweNineve neKala; nguloo mzi mkhulu ke lowo.

13. UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,

14. namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.

15. UKanan wazala uTsidon, owamazibulo wakhe,

16. noHeti, namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

funda isahluko epheleleyo Igenesis 10