1. Yiyo le ke inzala yoonyana bakaNowa: uShem, noHam, noYafete. Bazalelwa oonyana emveni konogumbe.
2. Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan,* noTubhali, noMesheki, noTirasi.
3. Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma.
4. Oonyana bakaYavan nguElisha, noTarshishe, ngamaKiti namaDodan.
5. Zadabuka kubo abo iziqithi zeentlanga emazweni, lwaolo ngokolwimi lwalo, ngokwesizwe salo ezintlangeni zazo.
6. Oonyana bakaHam nguKushi,* noMitserayim,* noPuti, noKanan.
7. Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSebheta, noRama, noSabheteka; oonyana bakaRama nguShebha noDedan.
8. UKushi wazala uNimrodi; yena waqala waba ligorha ehlabathini.
9. Yena waba ligorha lezingela phambi koYehova; ngenxa yoko kwathiwa, NjengoNimrodi, igorha lezingela phambi koYehova.
10. Ukuqala kobukumkani bakhe yiBhabheli, ne-Ereki, ne-Akadi, neKalene, ezweni leShinare.
11. Kulo elo zwe waphuma waya kwelaseAsiriya, wákha iNineve neRehobhotire nomzi weKala,
12. neRezen, phakathi kweNineve neKala; nguloo mzi mkhulu ke lowo.
13. UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
14. namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.