Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 1:14-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka;

15. mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo.

16. Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi.

17. Wazibeka uThixo esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyise ehlabathini,

18. zilawule imini nobusuku, zahlule ukukhanya kubumnyama. Wabona uThixo ukuba kulungile.

19. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesiné.

20. Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu.

21. Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.

22. Wazisikelela uThixo, esithi, Qhamani, nande, niwazalise amanzi aselwandle; zithi iintaka zande ehlabathini.

23. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesihlanu.

24. Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho ziné, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo.

25. Kwaba njalo. Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho ziné ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.

26. Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho ziné, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni.

27. Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.

28. Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 1