Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 9:30-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.

31. Yabhuqwa iflakisi* nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile.

32. Ke yona ingqolowa nespelete* ayibhuqwanga; kuba ibisencinane.

33. Waphuma uMoses phakathi komzi, wemka kuFaro, wazolulela izandla zakhe kuYehova, zayeka iindudumo nesichotho, yathula imvula emhlabeni.

34. Wabona uFaro ukuba iphelile imvula nesichotho neendudumo, waphinda wóna, wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, yena nabakhonzi bakhe.

35. Yaba lukhuni ke intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli, njengoko watshoyo uYehova ngoMoses.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 9