Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 8:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. anyuke amasele lawo, eze nakuwe, nakubantu bakho, nakubakhonzi bakho bonke.

5. Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula isandla sakho eso sinentonga yakho phezu kwemilambo, naphezu kwemijelo, naphezu kwamachibi, unyuse amasele phezu kwelizwe laseYiputa.

6. Wasolula ke uAron isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa; enyuka amasele, aligubungela ilizwe laseYiputa.

7. Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, zawanyusa amasele phezu kwelizwe laseYiputa.

8. UFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Mthandazeni uYehova, awasuse amasele kum nasebantwini bam; ndobandulula abantu, baye kubingelela kuYehova.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 8