Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 8:18-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, ukuba zivelise iingcongconi, azaba nako. Kwakho iingcongconi ebantwini nasezinkomeni.

19. Zathi izazi kuFaro, Ngumnwe kaThixo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.

20. Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa ngomso, ume phambi koFaro, nanko ephuma esiya emanzini; uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.

21. Okanye ukuba uthe akwabandulula abantu bam, yabona, ndithuma izibawu kuwe, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, nasezindlwini zakho, zizale izindlu zamaYiputa zizibawu, nomhlaba akuwo;

22. ndilibàlule ngaloo mini lona ilizwe laseGoshen, abemi kulo abantu bam, kungabikho zibawu khona, ukuze wazi ukuba ndinguYehova phakathi kwelizwe;

23. ndimìse inkululo phakathi kwabantu bam nabantu bakho; lo mqondiso uya kubakho ngomso.

24. Wenjenjalo uYehova. Kweza izibawu ezininzi endlwini kaFaro, nasezindlwini zabakhonzi bakhe, nasezweni lonke laseYiputa; lonakala ilizwe zizibawu.

25. UFaro wabiza uMoses na-Aron, wathi, Yiyani nibingelele kuThixo wenu kweli lizwe.

26. Wathi uMoses, Àkulungisile ukwenjenjalo; kuba soba sibingelela amasikizi amaYiputa kuYehova uThixo wethu. Ukuba sithe sabingelela into engamasikizi kumaYiputa phambi kwawo, osixuluba ngamatye.

27. Siya kuhamba uhambo lweentsuku ezintathu entlango, sibingelele kuYehova uThixo wethu, njengoko wóthi asiyalele.

28. Wathi uFaro, Ndiya kunindulula nina, niye kubingelela kuYehova uThixo wenu entlango, kodwa ize ningahambi niye kude; ndithandazeleni.

29. Wathi uMoses, Yabona, ndiya kuphuma kuwe, ndithandaze kuYehova, zimke izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe ngomso, kodwa makangaphindi uFaro akhohlise ngokungabandululi abantu, baye kubingelela kuYehova.

30. Wemka uMoses, wathandaza kuYehova.

31. Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses, wazisusa izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe; akwasala nasinye.

32. UFaro wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, nangesi sihlandlo, akabandulula abantu.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 8