Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 7:5-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo.

6. Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo.

7. UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro.

8. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wathi,

9. Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wòthi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka.

10. Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka.

11. Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo.

12. Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo.

13. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.

14. Wathi uYehova kuMoses, Intliziyo kaFaro iqaqadekile, akavumi ukubandulula abantu.

15. Yiya kuFaro kusasa, nanko ephuma esiya emanzini. Uze ume elunxwemeni lomlambo malunga naye; intonga eyaguqukayo yaba yinyoka yiphathe esandleni.

16. Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku.

17. Utsho uYehova ukuthi, Uya kwazi ngale nto ke ukuba ndinguYehova. Yabona, ndiya kubetha ngentonga esesandleni sam emanzini omlambo, aguqulwe abe ligazi,

18. zife iintlanzi ezisemlanjeni, unuke umlambo, amaYiputa abe nesicaphucaphu akuwasela amanzi omlambo.

19. Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye.

20. OoMoses noAron benza njengoko uYehova wabawisela umthetho; wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi omlambo phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe; aza aguquka onke amanzi omlambo, aba ligazi.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 7