Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 7:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa.

4. Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;

5. azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo.

6. Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo.

7. UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro.

8. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wathi,

9. Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wòthi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka.

10. Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka.

11. Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo.

12. Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo.

13. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.

14. Wathi uYehova kuMoses, Intliziyo kaFaro iqaqadekile, akavumi ukubandulula abantu.

15. Yiya kuFaro kusasa, nanko ephuma esiya emanzini. Uze ume elunxwemeni lomlambo malunga naye; intonga eyaguqukayo yaba yinyoka yiphathe esandleni.

16. Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 7