Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 7:18-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. zife iintlanzi ezisemlanjeni, unuke umlambo, amaYiputa abe nesicaphucaphu akuwasela amanzi omlambo.

19. Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye.

20. OoMoses noAron benza njengoko uYehova wabawisela umthetho; wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi omlambo phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe; aza aguquka onke amanzi omlambo, aba ligazi.

21. Zafa iintlanzi ezisemlanjeni, wanuka umlambo, akaba nako amaYiputa ukuwasela amanzi omlambo; laba ligazi ezweni lonke laseYiputa.

22. Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.

23. Wajika uFaro, waya endlwini yakhe, akayibekela ntliziyo nale nto.

24. Onke amaYiputa emba amanzi okusela ngeenxa zonke emlanjeni; kuba ebengenakuwasela amanzi omlambo.

25. Kwazaliseka isixhenxe seentsuku emveni kokuwubetha kwakhe uYehova umlambo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 7