Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 6:14-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi; yiyo leyo imizalwane yakwaRubhen.

15. Oonyana bakaSimon nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi; yiyo leyo imizalwane yakwaSimon.

16. Ngawo la amagama oonyana bakaLevi ngenzala yabo: uGershon, noKehati, noMerari. Iminyaka yobudala bukaLevi yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.

17. Oonyana bakaGershon nguLibheni, noShimehi, ngokwemizalwane yabo.

18. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. Iminyaka yobudala bukaKehati yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anamithathu.

19. Oonyana bakaMerari nguMaheli, noMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngenzala yabo.

20. UAmram wazeka uYokebhede, udade boyise, wangumkakhe; wamzalela uAron noMoses. Iminyaka yobudala buka-Amram yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.

21. Oonyana bakaItsare nguKora, noNefege, noZikri.

22. Oonyana bakaUziyeli nguMishaheli, noElitsafan, noZitri.

23. UAron wazeka uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, wangumkakhe; wamzalela uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.

24. Oonyana bakaKora nguAzire, noElikana, noAbhiyazafu; yiyo leyo imizalwane yamaKora.

25. UElazare, unyana ka-Aron, wazeka umfazi ezintombini zikaPutiyeli; wamzalela uPinehasi. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ngokwemizalwane yabo.

26. Ngulaa Aron noMoses, wathi kubo uYehova, Bakhupheni oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.

27. Ngabo abo bathetháyo kuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa; ngabo Moses noAron.

28. Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa,

29. wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe.

30. Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wóthini na uFaro ukundiphulaphula?

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 6