Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 6:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uYehova kuMoses, Úya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba ùya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi.

2. Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova:

3. ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova àndazekanga kubo.

4. Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo ábaphambukela kulo.

5. Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam.

6. Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu;

7. ndinithàbathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa;

8. ndiningènise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova.

9. Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima.

10. Wathetha uYehova kuMoses, wathi,

11. Yiya uthethe kuFaro ukumkani waseYiputa, abandulule oonyana bakaSirayeli, baphume ezweni lakhe.

12. UMoses wathetha phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; wòthini na ke uFaro ukundiphulaphula, ndingomlomo ungalukanga nje?

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 6