Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 40:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. ulumise uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo.

8. Uze uyimise intendelezo ijikeleze, usixhome isisitheliso sesango lentendelezo.

9. Uze uthabathe ioli yokuthambisa, uthambise umnquba neento zonke ezikuwo, uwungcwalise nempahla yawo yonke, ube yingcwele;

10. uthambise isibingelelo sedini elinyukayo, nempahla yaso yonke, usingcwalise isibingelelo, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele;

11. uthambise uhehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ulungcwalise.

12. Uze usondeze uAron noonyana bakhe emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;

13. umnxibe uAron izambatho ezingcwele, umthambise, umngcwalise, ukuze abe ngumbingeleli kum.

14. Wòsondeza oonyana bakhe, ubanxibe iingubo zangaphantsi;

15. ubathambise njengoko wamthambisayo uyise, ukuze babe ngababingeleli kum; kuthi ukuthanjiswa kwabo kube kokobubingeleli obungunaphakade kubo, kwizizukulwana zabo.

16. Wenza ke uMoses; njengako konke uYehova abemwisele umthetho ngako, wenjenjalo.

17. Kwathi, ngenyanga yokuqala ngomnyaka wesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, wamiswa umnquba.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 40