Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 40:29-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango womnquba wentente yokuhlangana; wanyusa kuso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

30. Walubeka uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo eso, wagalela amanzi okuhlamba kulo.

31. Bazihlamba ooMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo khona.

32. Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, bahlamba, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

33. Wayimisa intendelezo ejikeleza umnquba lo nesibingelelo esi, wasixhoma isisitheliso sesango lentendelezo. Wawugqiba ke uMoses umsebenzi.

34. Ilifu layigubungela intente yokuhlangana, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.

35. UMoses akaba nakungena ententeni yokuhlangana, ngokuba ilifu lahlala phezu kwayo, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.

36. Belisithi lakunyuswa lisuswe ilifu emnqubeni, banduluke oonyana bakaSirayeli, benjenjalo ekundulukeni kwabo konke.

37. Ke xa ilifu belingekanyuswa, bebenganduluki kude kube yimini yokunyuswa kwalo;

38. kuba ilifu likaYehova beliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku, phambi kwendlu yonke kaSirayeli, ekundulukeni kwabo konke.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 40