Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 4:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uMoses wathi, Ùyabona, abayi kukholwa ndim, abayi kuliphulaphula izwi lam; kuba baya kuthi, UYehova akabonakalanga kuwe.

2. Wathi uYehova kuye, Yintoni na loo nto isesandleni sakho? Wathi, Yintonga.

3. Wathi, Yiphose emhlabeni. Wayiphosa emhlabeni, yasuka yaba yinyoka; wayibaleka uMoses.

4. Wathi uYehova kuMoses, Solule isandla sakho, uyibambe ngomsila; (wasolula isandla sakhe, wayibamba, yasuka yaba yintonga esandleni sakhe);

5. ukuze bakholwe ukuba uYehova, uThixo wooyise, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, ubonakele kuwe.

6. Waphinda uYehova wathi kuye, Khawusifake isandla sakho esifubeni sakho. Wasifaka isandla sakhe esifubeni sakhe. Akusirhola isandla sakhe, naso sineqhenqa, simhlophe njengekhephu.

7. Wathi, Sibuyisele isandla sakho esifubeni sakho. Wasibuyisela isandla sakhe esifubeni; wasirhola esifubeni sakhe, naso sibuye saba njengenyama yakhe.

8. Kothi, ukuba abathanga bakholwe nguwe, àbaliphulaphula izwi lowokuqala umqondiso, bakholwe lilizwi lomqondiso wamva.

9. Kothi, ukuba abathanga bakholwe nayile miqondiso mibini, àbaliphulaphula nezwi lakho, uthabathe amanzi omlambo, uwaphalazele emhlabeni owomileyo; osuka amanzi owathabathileyo emlanjeni abe ligazi emhlabeni owomileyo.

10. Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Àndindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.

11. Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeké umlomo emntwini? Ngubani na owenzé isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?

12. Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 4