7. wawabeka ezizibeni zamagxa ze-efodi, aba ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
8. Walwenza ubengo, lwaba ngumsebenzi wengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
9. Lwaba mbombo-né, lwaphindwa, balwenza ubengo; ubuda balo baba ngangokolulwa kweminwe,* ububanzi balo baba ngangokolulwa kweminwe luphindiwe.
10. Bafaka kulo imikrozo yaminé yamatye; ukrozo lwesardiyo,* netopazi,* nesmarado,* lwaba lukrozo lokuqala olo;
11. ukrozo lwesibini lwaba yirubhi,* nesafire,* nekalikedo;*
12. ukrozo lwesithathu lwaba yihakinto,* neagati,* neametiste;*
13. ukrozo lwesiné lwaba yikrizolite,* nebherilo, neyaspisi;* abhijelwa ngomluko wegolide ezimfakweni zawo.
14. Amatye lawo amiswa ngokwamagama oonyana bakaSirayeli abalishumi elinababini, ngokwamagama abo; aba nokrolo lomsesane wokutywina, lathi elo laba negama lalo, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini.
15. Benza elubengweni intsontelo ethe shinyi, umsebenzi osontiweyo ngegolide ecocekileyo.