Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 37:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wayenzela ngeenxa zonke udini olungangobubanzi besandla, udini lwayo waluthi jize ngesithsaba segolide.

13. Wayityhidela amakhonkco egolide amané, wawafaka amakhonkco ezimbombeni zoné ezisemilenzeni yayo yominé.

14. Aba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, aba ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile.

15. Wenza izibonda ezo ngomngampunzi, wazaleka ngegolide, ukuba ithwalwe ngazo itafile.

16. Wenza impahla ephezu kwetafile, izikotile zayo, nemicephe yayo, neenkamba zayo, neendebe zayo ekwakuthululwa ngazo, wazenza ngegolide ecocekileyo.

17. Wenza nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza wasikhanda isiphatho eso, nesikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso, zivelé kwakuso.

18. Amasebe amathandathu avela emacaleni aso: amasebe amathathu esiphatho avela kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avela kweliya icala laso.

19. Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile* kweli isebe, zineqhina nentyantyambo; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile zaba kweliya isebe, zineqhina nentyantyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.

20. Zaba né iindebe esiphathweni ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 37