Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 35:25-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.

26. Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.

27. Izikhulu zazisa amatye ebherilo,* namatye okufakwa e-efodini* naselubengweni, nobulawu,

28. neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi.

29. Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubáyo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.

30. Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli, Khangelani, UYehova umbizé ngegama uBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda.

31. Umzalisile ngoMoya kaThixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke,

32. ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu;

33. nangokukrola amatye, awafake; nangokukrola imithi, asebenze imisebenzi yonke ngentelekelelo.

34. Ubeké entliziyweni yakhe ukuyala, yena ke kwanoAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan.

35. Ubazalisé ngobulumko bentliziyo, ukuba benze umsebenzi wonke wokukrola, nowokuluka, ukuluka imfakamfele, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, neyomluki, babe ngabenzi bomsebenzi wonke, nabathelekeleli bokuyila.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 35