Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 35:15-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. isibingelelo sokuqhumisela nezibonda zaso, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso somnyango emnyango womnquba;

16. isibingelelo sedini elinyukayo, nothango lwaso lobhedu, nezibonda zaso, neempahla zaso zonke; nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

17. amawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso somnyango wentendelezo;

18. izikhonkwane zomnquba, nezikhonkwane zentendelezo, nezintya zazo;

19. izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.

20. Lemka ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli phambi koMoses.

21. Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, abo bonke bàmoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele.

22. Beza, amadoda kwanabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshangatshangise kuYehova umtshangatshangiso wegolide, bawuzisa.

23. Bonke abantu abafunyanwa benemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya bebhokhwe, nezìntsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, bazizisa.

24. Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke ábafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.

25. Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.

26. Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 35