1. Walibizela ndawonye uMoses lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Zizo ezi iindawo uYehova aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze.
2. Wòsebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha kasabatha kuYehova; bonke ábenza umsebenzi ngayo bobulawa.
3. Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.
4. Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova:
5. uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu;
6. nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
7. nezìntsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi;