Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 34:26-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho.Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.

27. Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenzé ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.

28. Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.

29. Kwathi, ekuhleni kukaMoses entabeni yaseSinayi, amacwecwe omabini esingqino esesandleni sikaMoses ekuhlèni kwakhe entabeni, àkazi uMoses, ukuba ulùsu lobuso bakhe belukhazimla ekuthetheni kwakhe naye.

30. UAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses. Yini? Ulùsu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye.

31. Wababiza uMoses, babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zebandla, wathetha nazo uMoses.

32. Emveni koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabawisela umthetho wako konke abekuthethile uYehova kuye entabeni yaseSinayi.

33. Wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe.

34. Ekungeneni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha naye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma, wathetha koonyana bakaSirayeli oko abemwisele umthetho ngako.

35. Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulùsu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe, wada wangena, waya kuthetha naye.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 34