Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 34:20-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. ke lona izibulo le-esile wòlikhulula ngokulimisela ngexhwane; ukuba akuthanga ulikhulule ngokulimisela, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; mabangabonakali phambi kwam bengaphethe lutho.

21. Wòsebenza imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe uze uphumle, uphumle ekulimeni nasekuvuneni.

22. Uze uwenze umthendeleko weeveki, wentlahlela yokuvunwa kwengqolowa; nomthendeleko wokuhlanganisela ukutya emakhaya ekupheleni komnyaka.

23. Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, yonke into engamadoda yakowenu yobonakala ebusweni beNkosi uYehova, uThixo kaSirayeli.

24. Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, lingànqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.

25. Igazi lombingelelo wam uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele; nombingelelo womthendeleko wepasika úze ungahlali kude kuse.

26. Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho.Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.

27. Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenzé ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.

28. Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 34