Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 34:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uYehova kuMoses, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abesemacwecweni okuqala owawaqhekezayo;

2. ulunge kusasa, unyuke kusasa, uye entabeni yaseSinayi, ume ngakum khona encotsheni yentaba.

3. Kuze kungànyuki mntu nawe, kuze kungábonwa mntu kuyo yonke intaba, kuze kungàdli mpahla imfutshane nankomo, isingise entabeni leyo.

4. Wawaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala. Wavuka uMoses kusasa, wenyuka waya entabeni yaseSinayi, njengoko uYehova wamwisela umthetho ngako, waphatha esandleni sakhe amacwecwe amatye omabini.

5. Wehla uYehova esefini, wema khona naye, wavakalisa igama likaYehova.

6. UYehova wadlula ebusweni bakhe, wavakalisa esithi, UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso;

7. olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala, obuvelelayo ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana!

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 34