Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 33:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi;

3. niye ezweni elibaleka amasi nobusi; ke andisayi kunyuka phakathi kwenu nina; kuba ningabantu abantamo ilukhuni, hleze ndiniphelise endleleni.

4. Baliva ke abantu elo lizwi libi, benza isijwili; akwabakho mntu uzinxibayo izivatho zakhe.

5. Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingáthi, ndinyuké phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni.

6. Bazijaca oonyana bakaSirayeli izivatho zabo, beqalela entabeni yaseHorebhe.

7. Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba.

8. Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.

9. Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses.

10. Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.

11. UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 33