Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 33:15-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha.

16. Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabále mna nabantu bakho? Àkungokuthi na uhambe nathi, sibáluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?

17. Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabále, ndikwazile ngegama.

18. Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho.

19. Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye.

20. Wathi, Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.

21. Wathi uYehova, Nantsi ke indawo ngakum; uze ume phezu kweliwa;

22. kuthi, ekudluleni kobuqaqawuli bam, ndikubèke emqhokrweni weliwa, ndikugubungele ngesandla sam, ndide ndidlule;

23. ndize ndisuse isandla sam, uwubone umva wam. Ke bona ubuso bam abuyi kubonwa.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 33