Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 33:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, ùthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo ùya kundithuma naye; kanti ke ùthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabále.

13. Ngoko ukuba undibabále, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.

14. Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.

15. Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha.

16. Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabále mna nabantu bakho? Àkungokuthi na uhambe nathi, sibáluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?

17. Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabále, ndikwazile ngegama.

18. Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 33