Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 32:27-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Wathi kubo, Ùtsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangéni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.

28. Benza oonyana bakaLevi ngokwelizwi likaMoses; kwawa ebantwini loo mini ngathi ngamawaka omathathu amadoda.

29. Wathi uMoses, Zimiseleni namhla kuYehova, ukuba umntu achase unyana wakhe nomzalwana wakhe, ithotywe namhla intsikelelo phezu kwenu.

30. Kwathi ngengomso, uMoses wathi ebantwini, Nonile nina, nenza isono esikhulu; ndiya kunyuka ngoku ndiye kuYehova; mhlawumbi ndingácamagusha ngenxa yesono senu.

31. UMoses wabuya waya kuYehova, wathi, Yoo! Aba bantu bonile, benza isono esikhulu, bazenzela uthixo ngegolide.

32. Khawusixolele ngoko isono sabo; ukuba akunakuba njalo, wose undicima encwadini yakho oyibhalileyo.

33. Wathi uYehova kuMoses, Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.

34. Ke ngoko hamba ubalathise abantu, baye kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona, isithunywa sam sohamba phambi kwakho; ke mini ndivelelayo, ndiya kusivelela isono sabo kubo.

35. Ke uYehova wababulala abantu ngenxa yokuba belenzile ithole elo walenzayo uAron.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 32