Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 32:20-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Walithabatha ithole ababelenzile, walitshisa ngomlilo, walisila lada lacoleka, waligcwayela emanzini, waseza oonyana bakaSirayeli.

21. Wathi uMoses kuAron, Benzé ntoni na aba bantu kuwe, ukuba ubazisele isono esikhulu kangaka?

22. Wathi uAron, Umsindo wenkosi yam mawungavuthi. Wena uyabazi aba bantu, ukuba banobubi.

23. Bâthi kum, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.

24. Ndathi kubo, Ubani onegolide makayiqhawule; bandinika ke. Ndayiphosa emlilweni kwaphuma eli thole.

25. Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwâbo bachasene nabo);

26. wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.

27. Wathi kubo, Ùtsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangéni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.

28. Benza oonyana bakaLevi ngokwelizwi likaMoses; kwawa ebantwini loo mini ngathi ngamawaka omathathu amadoda.

29. Wathi uMoses, Zimiseleni namhla kuYehova, ukuba umntu achase unyana wakhe nomzalwana wakhe, ithotywe namhla intsikelelo phezu kwenu.

30. Kwathi ngengomso, uMoses wathi ebantwini, Nonile nina, nenza isono esikhulu; ndiya kunyuka ngoku ndiye kuYehova; mhlawumbi ndingácamagusha ngenxa yesono senu.

31. UMoses wabuya waya kuYehova, wathi, Yoo! Aba bantu bonile, benza isono esikhulu, bazenzela uthixo ngegolide.

32. Khawusixolele ngoko isono sabo; ukuba akunakuba njalo, wose undicima encwadini yakho oyibhalileyo.

33. Wathi uYehova kuMoses, Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 32