Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 31:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,

8. netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke,

9. nesibingelelo sokuqhumisela, nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

10. nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;

11. neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benzè njengako konke endikuwisele umthetho ngako.

12. Wathetha uYehova kuMoses esithi,

13. Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;

14. niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.

15. Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.

16. Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade.

17. Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.

18. Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 31