Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 31:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses esithi,

2. Khangela, ndibizé ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;

3. ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;

4. ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,

5. nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.

6. Yabona, mna ndimkhuphé kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuze bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:

7. intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,

8. netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke,

9. nesibingelelo sokuqhumisela, nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

10. nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;

11. neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benzè njengako konke endikuwisele umthetho ngako.

12. Wathetha uYehova kuMoses esithi,

13. Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 31